8. AmaSirayeli amzilela iintsuku ezimashumi mathathu apho kuloo mathafa aseMowabhi. Zaba ke zifezekile iintsuku zokuzila.
9. UYoshuwa unyana kaNune wazaliswa bubulumko nokuqonda, kuba kaloku uMosis wambeka izandla emngenisa ezihlangwini zakhe. NamaSirayeli ke amthobela uYoshuwa, enza ngokwemiyalelo eyanikwa uMosis nguNdikhoyo.
10. KwaSirayeli ke akuphindanga kuvele *mshumayeli unjengoMosis, owazana noNdikhoyo ubuso ngobuso.