Uhlaziyo-Mnqophiso 33:16-28 Ibhayibhile (XHO96)

16. Umhlaba wakhe mawuvelise eyona-yona;uthamsanqelwe kukulunga kukaNdikhoyoowayekho etyholweni elivuthayo.La mathamsanqa makavele kwaJosefu,yena olitshawe phakathi kwabantakwabo.

17. UJosefu nkunzi yakwabani ukomelela,emise okwenyathi –mpondo ezo zizezamawaka akwaManasenamashumi amawaka akwaEfrayim.Ngazo uhlabanisela izizwe;ewe, nezo ziseziphelweni zehlabathi.”

18. NgoZebhulon noIsakare wathi:“KwaZebhulon makube yimihlali ukucanda elwandle;kwaIsakare makube yimivuyo ukuhlala ekhaya.

19. Izizwe bozimemela entabeni yabo,bawenzele apho amadini afanelekileyo.Bona bamfimfitha indyebo yaselwandle,ubutyebi babo babubhaqe elunxwemeni.”

20. NgoGadi wathi:“Makabongwe owandisa uGadi.UGadi ubuthuma njengengonyamaukuze aqwenge ingalo noba lukhakhayi.

21. Yena uzikhethela ezona-zona elizweni,kuba wabelwa inxaxheba yengqwayi-ngqwayi.Umela ubulungisa nemimiselo kaNdikhoyo,zakuba zihlanganisene iinkokheli zakwaSirayeli.”

22. NgoDan wathi:“Ke yena uDan ligatyana lengonyamaelithi tsi liphuma eBhashan.”

23. NgoNafetali wathi:“Yena uNafetali wamkelekile;uphuphuma intsikelelo kaNdikhoyo.Ilifa lakhe lisuka elwandle lihle.”

24. NgoAshere wathi:“UAshere yena unoyolo kunabo bonke;makabe yintandane kubantakwabo,umhlaba wakhe uchume ngumnquma.

25. Imivalo yakhe mayibe yintsimbi nobhedu;angaze aswele mandla esaphila.”

26. “Yeshurun, akakho onjengoThixo wakho,ophalisa isibhakabhaka eze kukusiza,ngobungangamsha bakhe aphalise amafu.

27. Kwamandulo uThixo yena waba likhaya;waba soloko ekuxhasa ngezo ngalo zakhe.Iintshaba zakho waziswantsulisa,wathi: ‘Mazitshatyalaliswe!’

28. Ngoko ke uSirayeli uhleli ngenzolo,umthombo kaYakobi uthe geqe,uthe gcobho kwelengqolowa newayini,apho izulu lifefeza umbethe.

Uhlaziyo-Mnqophiso 33