Uhlaziyo-Mnqophiso 33:14-29 Ibhayibhile (XHO96)

14. Ilanga nenyanga mazimchumise,ziwulize ngeyona-yona mveliso.

15. Iintaba zamandulo mazivathe iziqhamo;iinduli zamhlamnene maziphuphume imveliso.

16. Umhlaba wakhe mawuvelise eyona-yona;uthamsanqelwe kukulunga kukaNdikhoyoowayekho etyholweni elivuthayo.La mathamsanqa makavele kwaJosefu,yena olitshawe phakathi kwabantakwabo.

17. UJosefu nkunzi yakwabani ukomelela,emise okwenyathi –mpondo ezo zizezamawaka akwaManasenamashumi amawaka akwaEfrayim.Ngazo uhlabanisela izizwe;ewe, nezo ziseziphelweni zehlabathi.”

18. NgoZebhulon noIsakare wathi:“KwaZebhulon makube yimihlali ukucanda elwandle;kwaIsakare makube yimivuyo ukuhlala ekhaya.

19. Izizwe bozimemela entabeni yabo,bawenzele apho amadini afanelekileyo.Bona bamfimfitha indyebo yaselwandle,ubutyebi babo babubhaqe elunxwemeni.”

20. NgoGadi wathi:“Makabongwe owandisa uGadi.UGadi ubuthuma njengengonyamaukuze aqwenge ingalo noba lukhakhayi.

21. Yena uzikhethela ezona-zona elizweni,kuba wabelwa inxaxheba yengqwayi-ngqwayi.Umela ubulungisa nemimiselo kaNdikhoyo,zakuba zihlanganisene iinkokheli zakwaSirayeli.”

22. NgoDan wathi:“Ke yena uDan ligatyana lengonyamaelithi tsi liphuma eBhashan.”

23. NgoNafetali wathi:“Yena uNafetali wamkelekile;uphuphuma intsikelelo kaNdikhoyo.Ilifa lakhe lisuka elwandle lihle.”

24. NgoAshere wathi:“UAshere yena unoyolo kunabo bonke;makabe yintandane kubantakwabo,umhlaba wakhe uchume ngumnquma.

25. Imivalo yakhe mayibe yintsimbi nobhedu;angaze aswele mandla esaphila.”

26. “Yeshurun, akakho onjengoThixo wakho,ophalisa isibhakabhaka eze kukusiza,ngobungangamsha bakhe aphalise amafu.

27. Kwamandulo uThixo yena waba likhaya;waba soloko ekuxhasa ngezo ngalo zakhe.Iintshaba zakho waziswantsulisa,wathi: ‘Mazitshatyalaliswe!’

28. Ngoko ke uSirayeli uhleli ngenzolo,umthombo kaYakobi uthe geqe,uthe gcobho kwelengqolowa newayini,apho izulu lifefeza umbethe.

29. Hay' uyolo onalo wena, Sirayeli!Nguban' ongad' afike kuwe, sizwendini sasindiswa nguNdikhoyo,okwalikhakha nekrele lakho,okuhlanganiselayo akuthi jize ngoloyiso?Neentshaba zakho zitsho zikubongoze,wena uthimbe iindawo zazo eziphakamileyo.”

Uhlaziyo-Mnqophiso 33