1. Phambi kokuba afe, uMosis, umfo wakwaThixo, amaSirayeli wawathi jize ngezi zithamsanqeliso:
2. “Kwintaba iSinayi gqi qhaphu *uNdikhoyo;njengelanga wathi gqi kwaEdom.Wabengezela evela kwiintaba zeParan;wavela enamawaka-waka ezithunywa zakhe,kudangazela okomlilo ngasekunene kwakhe.
3. Hayi ukubathanda kwakho abantu bakho!Ewe, uyabafumbatha bonke abalibango lakho.Kungoko basuka bathi guqaqa ezinyaweni zakho,bethobela umnwe wakho,
4. mhla uMosis wabanika umthetho,olibango lebandla likaSirayeli.
5. Wena Ndikhoyo waba ngukumkani kaYeshurun,zakuba zihlanganisene iinkokheli zabantu,zakuba ziqukene izizwe zakwaSirayeli.”
6. Wasuka ke uMosis wathetha ngoRubhen, wenjenje:“URubhen makahlal' ehleli angaze atshitshe,nakuba engengakanani ngamanani.”