13. Wamqabelisa imimango enyukayo,wayixhamla imveliso yelizwe;watya ubusi emaweni,waza umnquma wavelisa elulwalweni.
14. Iimazi zeenkomo nezeebhokhwe yayiziintsengwanekazi;oozinkomo, zibhokhwe, neegusha yayingamateke-teke,nditsho oku kweenkomo zaseBhashan.Ingqolowa ingachum' iliphupha;asisathethi ke ngediliya naloo wayini ingayiwayo.
15. Kambe ke uYeshurun suka wahlutha wada wakhabalaza;ewe, wakhula wakhukhumala wada waxhathisa.Waza ke wamfulathela uThixo adalwe nguye,wayibukula eyona Ngxondorha imsindisayo.
16. Wamkhweletisa ngokunqula izithixo;wamxhokonxa ngemikhwa emanyumnyezi.
17. Suka waxhelel' iindimoni ezingengoThixo;izithixo awayengazazi ngaphambili,izinto ezingazange zinqulwe nangamanyange.
18. Akayikhathalelanga eyona Ngxondorha aphuma kuyo;suka wamlibala uThixo azelwe nguye.
19. Waza ke yena uNdikhoyo wakruquka,exhokonkxwa ngoonyana neentombi zakhe nje.
20. Wathi: “Ubuso bam ndiza kubufihla,ndibone ukuba loba yintoni ikamva labo;kuba basisizukulwana esigwenxa,abantwana abangathembekanga.
21. Ngezi zithixo bayandikhweletisa;ngale mifanekiso bayandixhokonxa.Nam ke ndobakhweletisa ngohlanga olungebantu bam;ndobaxhokonxa ngohlanga olungenangqondo.