Uhlaziyo-Mnqophiso 31:1-11 Ibhayibhile (XHO96)

1. Waqhubela phambili uMosis ukuthetha nawo onke amaSirayeli,

2. wathi: “Ngoku sendinekhulu mashumi mabini eminyaka. Andisenako ukunikhokela. Kaloku *uNdikhoyo wandazisa ukuba andiyi kuyiwela iJordan.

3. NguNdikhoyo ngokwakhe oza kunikhokela niwele, azivuthulule zitshabalale iintlanga zelaa lizwe, ukuze ke nina ningene nime kulo. Ngokomlomo kaNdikhoyo nguYoshuwa oza kunikhokela niwele iJordan.

4. UNdikhoyo uya kuzitshabalalisa ezo ntlanga kwanjengokuba wenzayo kookumkani bama-Amori, uSihon no-Ogi, awabatshabalalisayo kunye nomhlaba wabo.

5. UNdikhoyo uza kuninceda nizoyise. Ngoko ke kufuneka niziphathe kanye ngale ndlela ndiniyalele yona.

6. Qinani nikhaliphe, ningaxhali, ningabi nayo nedyudyu. Kaloku uNdikhoyo uThixo wenu ungakuni; soze arhoxe okanye anilahle.”

7. UMosis wabiza uYoshuwa, wathetha naye phambi kwawo onke amaSirayeli, wathi: “Qina ukhaliphe! Kaloku nguwe oza kukhokela aba bantu, uye kubadlisa ilifa labo kwelo lizwe uNdikhoyo wabathembisa ngalo ngesifungo ooyise-mkhulu.

8. NguNdikhoyo ngokwakhe oza kunikhokela, ahambe nani. Soze arhoxe, engasoze anilahle; ngoko ke yomelelani ningoyiki.”

9. Lo mthetho ke uMosis wawubhala, wawunikezela kubabingeleli bakwaLevi ababejongene netyesi yomnqophiso *kaNdikhoyo, ngokunjalo nakumadoda amakhulu akwaSirayeli.

10. Wabayala wathi: “Njalo xa kuphela unyaka wesixhenxe, kusondela unyaka wokucinywa kwamatyala, lo mthetho mawufundwe kumsitho wamaphempe.

11. Mawufundelwe amaSirayeli xa ewonke mhla eze kunqula uNdikhoyo uThixo wenu kuloo ndawo yalathwe nguye.

Uhlaziyo-Mnqophiso 31