28. UNdikhoyo uya kukubetha ngogezo, ubumfama, nobuthwanga-thwanga.
29. Uya kuba ngathi uyimfama, uphampathe ngoku ilanga lihlab' umhlaba. Kuyo yonke into oyenzayo akuyi kuba nampumelelo. Uya kuba sisisulu sengcinezelo, uphangwe, kungekho bani ungakuncedayo.
30. “Noba sewulobola intombi, kovela mntu wumbi ayixhaphaze. Noba sowusakha indlu, soze uyihlale. Uya kuba ngatyala isidiliya, ungacholi naphantsi kuso.
31. Nenkomo yakho iya kuxhelwa ujongile, kodwa ungakhothi naphantsi kuloo nyama. Idonki yakho iya kuthinjwa ubukele, ungaze ubuye uyibone. Iigusha zakho ziya kunikelwa ezintshabeni, kungabikho namntu ungakuncedayo.
32. Oonyana neentombi zakho ziya kunikezelwa kwezinye iintlanga ujongile. Uya kutyabuk' amehlo ujong' enkalweni, ulindele ukubuya kwabantwana bakho, kungekho nto unokuyenza.
33. Kuya kuvela uhlanga ongalwaziyo, lufike luvune izilimo zakho obulalekileyo ngazo, ke wena into oya kuyizuza yingcinezelo nentshutshiso engaphele ndawo.
34. Ububi obubonayo buya kukubetha utsho ube ligeza.
35. UNdikhoyo uya kukubetha ngamathumba anganyangekiyo emadolweni nasemilenzeni, athi tshitshilili ukusuka entloko kuye kuthi xhaxhe ngeenyawo.
36. “Wena, ngokunjalo nokumkani ommiseleyo, uNdikhoyo uya kunithatha anise kwilizwe eningalaziyo, elingazange laziwa nangooyihlo-mkhulu. Apho ke uya kunqula *thixo bambi abenziwe ngomthi, ngokunjalo nabamatye.
37. Kwezo zizwe akusasaze kuzo uNdikhoyo abantu baya kukuthela nqa, ube yintlekisa nondaba-mlonyeni.
38. “Uya kuthi ngoku ubuhlwayele kakhulu uvune into engekhoyo. Kaloku isivuno sakho siya kunqunquthwa ziinkumbi.
39. Uya kuba ngatyala isidiliya usihlakule usilungise, ungazuzi diliya nawayini, kuba kaloku siya kungenelwa ngurhuxeshe.