Uhlaziyo-Mnqophiso 28:20-33 Ibhayibhile (XHO96)

20. “UNdikhoyo uya kukuzisela ishwangusha, kube sisiphithi-phithi nenkxwaleko kuyo yonke into oyenzayo, suka uhlelwe sisithwakumbe ude utshabalale ngephanyazo, ngenxa yobubi obenzileyo bokumlahla ungamthobeli uNdikhoyo.

21. UNdikhoyo uya kukubetha ngezifo ngezifo, akutshayele uphele nya, ungawuhlali lo mhlaba uza kungena kuwo ngoku.

22. Uya kukubetha ngezifo ezidla umzimba, umkhuhlane, necesina. Umoya onolophu uya kuwatshabalalisa amasimi akho, akuyekele ngembalela kwanezifo kwizilimo zakho. Ezi zibetho ke ziya kukuthi nca ude ungabikho.

23. Ilanga liya kubalela esibhakabhakeni, umhlaba wome ube lilitye.

24. Imvula aya kuyinisa uNdikhoyo yoba zizaqhwithi nothuli, ude utshabalale.

25. “UNdikhoyo uya kuzipha uloyiso iintshaba zakho, zikuvuyelele. Wothi uzihlasela kweli cala, zona zikubethe uthi saa macal' onke. Zonke ke izizwe zehlabathi ziya kuthi zakuyibona le nto ikuhleleyo zitsho zihlasimle.

26. “Xa senifile imizimba yenu iya kutyiwa ziintaka namarhamncwa, futhi kungabikho namntu uzigxothayo.

27. UNdikhoyo uya kukubetha ngamathumba uxel' amaJiputa. Umzimba wakho uya kuphanjwa zizilonda nalukhwekhwe, urhawuzelelwe ingekho nendlela yokukunyanga.

28. UNdikhoyo uya kukubetha ngogezo, ubumfama, nobuthwanga-thwanga.

29. Uya kuba ngathi uyimfama, uphampathe ngoku ilanga lihlab' umhlaba. Kuyo yonke into oyenzayo akuyi kuba nampumelelo. Uya kuba sisisulu sengcinezelo, uphangwe, kungekho bani ungakuncedayo.

30. “Noba sewulobola intombi, kovela mntu wumbi ayixhaphaze. Noba sowusakha indlu, soze uyihlale. Uya kuba ngatyala isidiliya, ungacholi naphantsi kuso.

31. Nenkomo yakho iya kuxhelwa ujongile, kodwa ungakhothi naphantsi kuloo nyama. Idonki yakho iya kuthinjwa ubukele, ungaze ubuye uyibone. Iigusha zakho ziya kunikelwa ezintshabeni, kungabikho namntu ungakuncedayo.

32. Oonyana neentombi zakho ziya kunikezelwa kwezinye iintlanga ujongile. Uya kutyabuk' amehlo ujong' enkalweni, ulindele ukubuya kwabantwana bakho, kungekho nto unokuyenza.

33. Kuya kuvela uhlanga ongalwaziyo, lufike luvune izilimo zakho obulalekileyo ngazo, ke wena into oya kuyizuza yingcinezelo nentshutshiso engaphele ndawo.

Uhlaziyo-Mnqophiso 28