Uhlaziyo-Mnqophiso 28:14-26 Ibhayibhile (XHO96)

14. Noba sekutheni na ungaze uphambuke nakancinane kule miyalelo; ungaze unqule ubuse *oothixo abangabambi.”

15. “Kambe ke ukuba akulithobelanga ilizwi *likaNdikhoyo uThixo wakho, ukuba akuyenzanga yonke le miyalelo nale mimiselo ndikunika yona namhlanje, ziya kukufumana iziqalekiso:

16. “Woqalekiswa ezidolophini nasemaphandleni.

17. “Yoqalekiswa ingobozi yakho, nesitya sakho sokuxovulela ngokunjalo.

18. “Yoqalekiswa inzala yakho, nesivuno somhlaba wakho, kwanamathole namatakane emfuyo yakho.

19. “Woqalekiswa ekuphumeni kwakho, nasekubuyeni kwakho ngokunjalo.

20. “UNdikhoyo uya kukuzisela ishwangusha, kube sisiphithi-phithi nenkxwaleko kuyo yonke into oyenzayo, suka uhlelwe sisithwakumbe ude utshabalale ngephanyazo, ngenxa yobubi obenzileyo bokumlahla ungamthobeli uNdikhoyo.

21. UNdikhoyo uya kukubetha ngezifo ngezifo, akutshayele uphele nya, ungawuhlali lo mhlaba uza kungena kuwo ngoku.

22. Uya kukubetha ngezifo ezidla umzimba, umkhuhlane, necesina. Umoya onolophu uya kuwatshabalalisa amasimi akho, akuyekele ngembalela kwanezifo kwizilimo zakho. Ezi zibetho ke ziya kukuthi nca ude ungabikho.

23. Ilanga liya kubalela esibhakabhakeni, umhlaba wome ube lilitye.

24. Imvula aya kuyinisa uNdikhoyo yoba zizaqhwithi nothuli, ude utshabalale.

25. “UNdikhoyo uya kuzipha uloyiso iintshaba zakho, zikuvuyelele. Wothi uzihlasela kweli cala, zona zikubethe uthi saa macal' onke. Zonke ke izizwe zehlabathi ziya kuthi zakuyibona le nto ikuhleleyo zitsho zihlasimle.

26. “Xa senifile imizimba yenu iya kutyiwa ziintaka namarhamncwa, futhi kungabikho namntu uzigxothayo.

Uhlaziyo-Mnqophiso 28