11. “Ewe, uNdikhoyo wokuthi jize ngenkqubela, uzale abantwana, imfuyo yakho ibe namathole namatakane, amasimi akho axakathe isivuno kwelo lizwe uNdikhoyo wafunga ukubanika lona ooyihlo-mkhulu.
12. UNdikhoyo uya kuwavula amazulu ngexesha elililo, imvula ayiphokoze kuvimba wakhe, awuthamsanqele umsebenzi wakho, khon' ukuze ungasweli nto, koko ubolekis' ezizweni, phofu wena ngokwakho ube ungafuni nto mntwini.
13. UNdikhoyo uya kukwenza ube yimbalasane phakathi kwezizwe, ungabi semxukuxeleni. Uya kuba soloko unenkqubela, ungaze uwe phantsi, ukuba uyithobele wayenza imiyalelo yakhe endikunika yona namhlanje.
14. Noba sekutheni na ungaze uphambuke nakancinane kule miyalelo; ungaze unqule ubuse *oothixo abangabambi.”
15. “Kambe ke ukuba akulithobelanga ilizwi *likaNdikhoyo uThixo wakho, ukuba akuyenzanga yonke le miyalelo nale mimiselo ndikunika yona namhlanje, ziya kukufumana iziqalekiso:
16. “Woqalekiswa ezidolophini nasemaphandleni.
17. “Yoqalekiswa ingobozi yakho, nesitya sakho sokuxovulela ngokunjalo.
18. “Yoqalekiswa inzala yakho, nesivuno somhlaba wakho, kwanamathole namatakane emfuyo yakho.
19. “Woqalekiswa ekuphumeni kwakho, nasekubuyeni kwakho ngokunjalo.
20. “UNdikhoyo uya kukuzisela ishwangusha, kube sisiphithi-phithi nenkxwaleko kuyo yonke into oyenzayo, suka uhlelwe sisithwakumbe ude utshabalale ngephanyazo, ngenxa yobubi obenzileyo bokumlahla ungamthobeli uNdikhoyo.
21. UNdikhoyo uya kukubetha ngezifo ngezifo, akutshayele uphele nya, ungawuhlali lo mhlaba uza kungena kuwo ngoku.
22. Uya kukubetha ngezifo ezidla umzimba, umkhuhlane, necesina. Umoya onolophu uya kuwatshabalalisa amasimi akho, akuyekele ngembalela kwanezifo kwizilimo zakho. Ezi zibetho ke ziya kukuthi nca ude ungabikho.
23. Ilanga liya kubalela esibhakabhakeni, umhlaba wome ube lilitye.
24. Imvula aya kuyinisa uNdikhoyo yoba zizaqhwithi nothuli, ude utshabalale.