Uhlaziyo-Mnqophiso 28:10-12 Ibhayibhile (XHO96)

10. “Ziya kuthi ke izizwe zehlabathi, zakuqonda ukuba uNdikhoyo unenze abantu bakhe, zitsho zinihlonele.

11. “Ewe, uNdikhoyo wokuthi jize ngenkqubela, uzale abantwana, imfuyo yakho ibe namathole namatakane, amasimi akho axakathe isivuno kwelo lizwe uNdikhoyo wafunga ukubanika lona ooyihlo-mkhulu.

12. UNdikhoyo uya kuwavula amazulu ngexesha elililo, imvula ayiphokoze kuvimba wakhe, awuthamsanqele umsebenzi wakho, khon' ukuze ungasweli nto, koko ubolekis' ezizweni, phofu wena ngokwakho ube ungafuni nto mntwini.

Uhlaziyo-Mnqophiso 28