Uhlaziyo-Mnqophiso 26:6-16 Ibhayibhile (XHO96)

6. AmaJiputa asiphatha gadalala, asinyanzela ukuba sisebenze sibulaleka.

7. Ke thina sazibika kuNdikhoyo uThixo woobawo-mkhulu. Yena wasiva isikhalo sethu, wakubona oko kubandezeleka, naloo hambo-nzima, ngokunjalo nengcinezelo esasikuyo.

8. Ngobo bungangamsha naloo mandla akhe ke wasikhupha kwelaseJiputa. Wenza imiqondiso nemimangaliso, wabetha kwehla izinto ezirhwaqelisayo.

9. Wasithatha ke waza kusibeka apha, wasinika eli lizwe lobisi nobusi.

10. Ngoko ke ngoku, Ndikhoyo, ndikuphathele olu libo lwesivuno somhlaba ondiphe wona.’“Wakuba utshilo ke, ibhaskiti leyo uya kuyibeka phantsi apho phambi koNdikhoyo uThixo wakho, umnqule.

11. Ewe, vuya, ube nemincili ngenxa yendyebo wena nendlu yakho akunike yona uNdikhoyo uThixo wakho. NabaLevi kunye nabangeneleli abahlala apho phakathi kwenu mababe nenxaxheba apho kulo msitho.

12. “Njalo kunyaka wesithathu, ongunyaka wezishumi, khupha isishumi sesivuno sakho, usinike abaLevi, nabangeneleli, neenkedama, nabahlolokazi, khon' ukuze bathi xa bebonke, kuzo zonke izixeko, batye banele. Wakuba wenjenjalo ke

13. thetha noNdikhoyo uThixo wakho, uthi: ‘Ngoku ke ndiyikhuphile inxaxheba yakho; ndiyiphe abaLevi, nabangeneleli, neenkedama, nabahlolokazi, ngokomyalelo owandinika wona. Ewe, andiphambukanga okanye ndilibale namnye kwimiyalelo yakho ngesishumi.

14. Andityanga nento le kuso xa ndandizilile; andakhupha nento le kuso kowam umzi xa *ndandinomlaza; futhi andithathanga nento le kuso ndenza idini labangasekhoyo. Ndikuthobele, Ndikhoyo Thixo wam. Ewe, ndenze konke obundiyalele kona mayela nesishumi.

15. Ngoko ke khawondele ezantsi ukwelo khaya lakho likhethekileyo – izulu – ujonge usapho lwakho amaSirayeli, uwathi jize ngamathamsanqa, ngokunjalo nalo mhlaba usiphe wona. Ewe, yenza ngokwesifungo sakho koobawo-mkhulu – nditsho eso selizwe eliphuphuma ubisi nobusi.’ ”

16. “Namhlanje ke *uNdikhoyo uThixo wenu uniyalela ukuba niyithobele yonke imimiselo nemithetho yakhe. Ewe, nyanisekani niyithobele ngomxhelo wenu uphela.

Uhlaziyo-Mnqophiso 26