1. “Wakuba ungenile wema kwelo lizwe uliphiwa *nguNdikhoyo uThixo wakho,
2. umntu ngamnye aze athathe ibhaskiti, afake ulibo lwento nganye ayilimileyo, aye nayo kuloo ndawo yonqulo yalathwe nguNdikhoyo uThixo wakho ukuzinzisa igama lakhe.
3. Akufika ke uya kuya kumbingeleli osesikhundleni ngelo xesha, afike athi kuye: ‘Ngoku ndivakalisa kuNdikhoyo uThixo wam ukuba ndingenile kwelo lizwe wayethembise ngesifungo ukusinika lona koobawo-mkhulu.’
4. “Ke yena umbingeleli lowo uya kuyithatha ibhaskiti leyo, ayibeke phambi kweqonga lamadini kaNdikhoyo uThixo wakho.