Uhlaziyo-Mnqophiso 26:1-13 Ibhayibhile (XHO96)

1. “Wakuba ungenile wema kwelo lizwe uliphiwa *nguNdikhoyo uThixo wakho,

2. umntu ngamnye aze athathe ibhaskiti, afake ulibo lwento nganye ayilimileyo, aye nayo kuloo ndawo yonqulo yalathwe nguNdikhoyo uThixo wakho ukuzinzisa igama lakhe.

3. Akufika ke uya kuya kumbingeleli osesikhundleni ngelo xesha, afike athi kuye: ‘Ngoku ndivakalisa kuNdikhoyo uThixo wam ukuba ndingenile kwelo lizwe wayethembise ngesifungo ukusinika lona koobawo-mkhulu.’

4. “Ke yena umbingeleli lowo uya kuyithatha ibhaskiti leyo, ayibeke phambi kweqonga lamadini kaNdikhoyo uThixo wakho.

5. Apho ke phambi koNdikhoyo uThixo wakho wena uya kucengceleza la mazwi, uthi: ‘Ubawo-mkhulu wayesisibhadu-bhadu esiphaleleyo somAram esafuduka saya kuphambukela kwelaseJiputa. Ewe, babembalwa ukuya kwabo, kodwa babuya sebesisizwe esikhulu esomeleleyo.

6. AmaJiputa asiphatha gadalala, asinyanzela ukuba sisebenze sibulaleka.

7. Ke thina sazibika kuNdikhoyo uThixo woobawo-mkhulu. Yena wasiva isikhalo sethu, wakubona oko kubandezeleka, naloo hambo-nzima, ngokunjalo nengcinezelo esasikuyo.

8. Ngobo bungangamsha naloo mandla akhe ke wasikhupha kwelaseJiputa. Wenza imiqondiso nemimangaliso, wabetha kwehla izinto ezirhwaqelisayo.

9. Wasithatha ke waza kusibeka apha, wasinika eli lizwe lobisi nobusi.

10. Ngoko ke ngoku, Ndikhoyo, ndikuphathele olu libo lwesivuno somhlaba ondiphe wona.’“Wakuba utshilo ke, ibhaskiti leyo uya kuyibeka phantsi apho phambi koNdikhoyo uThixo wakho, umnqule.

11. Ewe, vuya, ube nemincili ngenxa yendyebo wena nendlu yakho akunike yona uNdikhoyo uThixo wakho. NabaLevi kunye nabangeneleli abahlala apho phakathi kwenu mababe nenxaxheba apho kulo msitho.

12. “Njalo kunyaka wesithathu, ongunyaka wezishumi, khupha isishumi sesivuno sakho, usinike abaLevi, nabangeneleli, neenkedama, nabahlolokazi, khon' ukuze bathi xa bebonke, kuzo zonke izixeko, batye banele. Wakuba wenjenjalo ke

13. thetha noNdikhoyo uThixo wakho, uthi: ‘Ngoku ke ndiyikhuphile inxaxheba yakho; ndiyiphe abaLevi, nabangeneleli, neenkedama, nabahlolokazi, ngokomyalelo owandinika wona. Ewe, andiphambukanga okanye ndilibale namnye kwimiyalelo yakho ngesishumi.

Uhlaziyo-Mnqophiso 26