4. “Xa usebenzisa inkabi yenkomo ekubhuleni ingqolowa, musa ukuyifaka isicheme.”
5. “Ukuba oonyana bomntu omnye bahlala mzini-mnye, aze omnye lo asweleke engenanyana, umhlolokazi lowo kamfi akufuneki athathwe ndoda yamzi wumbi; kaloku luxanduva lomntakwabo-mfi ukumthatha amenze umfazi.
6. Ke unyana wokuqala abaya kumzala bobabini woba ngunyana kamfi, khon' ukuze umlibo wakhe ungatshitshi kwaSirayeli.