Uhlaziyo-Mnqophiso 25:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. “Xa amaSirayeli amabini exabene, aza asana enkundleni, omnye wawo ke wafunyaniswa engenatyala, waza ke wagwetywa omnye lo;

2. ukuba ugwetywe ikatsi, umgwebi makatsho acanjalaliswe. Inani lemivumbo yakhe loxhomekeka kwelo tyala alenzileyo.

3. Angákatswa ukuya kwimivumbo emashumi mane, kodwa ke ingadluli apho. Kaloku xa inokuba ngaphezu kwaleyo wòba umthobile umwenu.

4. “Xa usebenzisa inkabi yenkomo ekubhuleni ingqolowa, musa ukuyifaka isicheme.”

5. “Ukuba oonyana bomntu omnye bahlala mzini-mnye, aze omnye lo asweleke engenanyana, umhlolokazi lowo kamfi akufuneki athathwe ndoda yamzi wumbi; kaloku luxanduva lomntakwabo-mfi ukumthatha amenze umfazi.

13-14. “Xa usebenzisa isilinganiso sukwenza buqhophololo mayela nobunzima nobungakanani. Izilinganiso zakho mazibe zezizizo ngalo lonke ixesha.

Uhlaziyo-Mnqophiso 25