1. “Ukuba indoda ithathe umfazi, yaza kamva yakruquka nguye ngenxa yesizathu esithile, kufuneka imbhalele incwadi yokwahlukana, ize imnike, ibe ke iyamgxotha ngolo hlobo.
2. Xa athe kamva waphinda wathathwa yenye indoda,
3. yaza nayo yamala yambhalela incwadi yokwahlukana yamgxotha, okanye ke mhlawumbi le ndoda yakhe yesibini isuke yatshaba,
4. laa ndoda yakhe yokuqala ayinalungelo lokuphinda imthathe. Kaloku ngoku *unomlaza. Xa ingasuka imthathe kwakhona yoba lisikizi elo *kuNdikhoyo. Ngoko ke elo lizwe uliphiwa nguNdikhoyo uThixo wakho ungaze *uligqwalise ngamasikizi anjalo.”