Uhlaziyo-Mnqophiso 23:21-25 Ibhayibhile (XHO96)

21. “Xa wenze isibhambathiso kuNdikhoyo uThixo wakho uzungalibazisi ukusifezekisa. Kaloku uNdikhoyo uyasibanga, ibe ke sisono ukungasiphumezi.

22. Akulotyala ukungenzi sibhambathiso;

23. kambe ke, xa usenzile, qiniseka ngokusifezekisa. Kaloku usenze ungàqhutywa mntu.

24. “Xa uhamba ngomlimandlela wesidiliya somntu, ungáyikha idiliya, uyitye kangangoko ufuna; kodwa uze ungayigaleli ntweni, uhambe nayo.

25. Ukuba uhamba ngomlimandlela wentsimi yomntu enengqolowa, ungáyikha utye kangangoko ufuna, kodwa ungayisiki ngerhengqe.”

Uhlaziyo-Mnqophiso 23