12. “Kufuneka ube nendawo yangasese ngaphandle qelele kwisikhululo sakho.
13. Phakathi kwezikrweqe zakho malubekho ulugxa, khon' ukuze uthi xa uye ese uzimbele umngxuma owohlala kuwo.
14. Kaloku *uNdikhoyo uThixo wakho uhlala kunye nawe, khon' ukuze akukhusele, ube nokuzoyisa iintshaba zakho. Ungaze wenze nto ilihlazo, khon' ukuze angakufulatheli uNdikhoyo.”
15. “Xa lithe ikhoboka lamshiya umninilo, labalekela kuwe, sukuligodusa.
16. Lingahlala nakuyiphi na idolophu eliyithandayo. Malingaphathwa gadalala.
17. “UmSirayeli, eyindoda okanye engumfazi, makangaze abe lihenyu lokunqula *izithixo.
18. Nemali efunyenwe ngale ndlela mayingaze iziswe endlwini *kaNdikhoyo uThixo ngenxa yaso nasiphi na isibhambathiso. Kaloku lo mkhwa ulisikizi kuNdikhoyo uThixo wakho.
19. “Xa umSirayeli eboleke imali, noba kukutya, okanye noba yintoni na kuwe, sukumbiza nzala.
20. Ungayibiza inzala ngento oyiboleke intlanga, ungayibizi kumwenu. Xa uwuthobele lo myalelo uNdikhoyo uThixo wakho uya kuyithamsanqelisa yonke into oyenzayo kwelo lizwe uya kuma kulo.