20. “Lo mmandla ke ukwaziwa ngokuba ngumhlaba wamaRafa, gama elo lilelabantu ababemi khona ngaphambili, ke wona ama-Amon ayesithi ngamaZamzum.
21. Nabo babeziingxilimbela njengama-Anaki. Babeluhlanga olomeleleyo, bebaninzi ngamanani. Phofu ke uNdikhoyo wabatshabalalisa, khon' ukuze umhlaba wabo umiwe ngama-Amon.
22. UNdikhoyo wenza kwaloo nto kumaEdom, inzala kaEsawu leyo imi kweleentaba eSeyire. Wawatshabalalisa amaHori, khon' ukuze amaEdom eme kuloo mhlaba wawo. Asekuwo ke unanamhla.
23. Ke amaKrete, awayevela kwisiqithi saseKrete, awatshabalalisa ama-Avi, awayemi ntlandlolo kwiidolophu zonke ukuya kuthi xhaxhe eGaza, aza ema khona.
24. “Sakuba ke sigqithile eMowabhi, uNdikhoyo wathi: ‘Ke ngoku sukani niwele umlambo iAnoni. USihon ukumkani wama-Amori oseHeshbhon sendimnikele esandleni senu, ngokunjalo nomhlaba wakhe. Mhlaseleni, niye niwuhluthe umhlaba wakhe.
25. Ukusukela namhlanje bonke abantu belimiweyo ndiza kubenza banoyike, barhwaqeliswe yingxelo yoko nikwenzileyo.’ ”
26. “Ngoko ke ndathumela kukumkani uSihon waseHeshbhon xa thina sasikwintlango yeKedemoti, ndizama uxolo, ndisithi:
27. ‘Siyakubongoza, sivumele sinqumle emhlabeni wakho. Siya kuhamba ngqo, singaphumi endleleni.
28. Ukutya namanzi esiwasebenzisileyo siya kuwahlawula. Kuphela into esiyifunayo kukugqitha nje emhlabeni wakho,
29. side siye kuwela umlambo iJordan, singene kwilizwe esiliphiwe *nguNdikhoyo uThixo wethu. Ke yona inzala kaEsawu eseSeyire ndawonye namaMowabhi aseAra asivumele ukuba sicande emhlabeni wawo.’
30. “Kambe ke ukumkani uSihon wala ukuba sicande emhlabeni wakhe. Kaloku uNdikhoyo uThixo wenu wayemenze wanenkani waqaqadeka, khon' ukuze simoyise siwuthathe lo mhlaba wakhe simi kuwo unangoku.
31. “UNdikhoyo ke wathetha nam, wathi: ‘Uyabona ke, ukumkani uSihon sendimgqibile; akusekho yakhe. Ngoko ke ngenani niwuthathe umhlaba wakhe, nime kuwo.’