12. Wona amaHori ayekade emi eSeyire, aza agxothwa yinzala kaEsawu, yawaphanzisa kwema yona kuloo mhlaba wawo, kwanjengokuba noSirayeli ezigxothile iintshaba zakhe kumhlaba awuphiwe nguNdikhoyo.
13. “UNdikhoyo wathi: ‘Sukani niwele umfula iZeredi.’ Senjenjalo ke.
14. “Ngoku ke kwakusekuyiminyaka emashumi mathathu anesibhozo saphumayo eKadeshe-bhaneya. Onke amajoni eso sizukulwana ayeselafa ngokomlomo kaNdikhoyo.
15. UNdikhoyo wachasana nawo wada wawatshabalalisa kwathi nya.
16. “Akuba loo majoni efe onke ke,
17. uNdikhoyo wathi kum:
18. ‘Namhlanje ke niza kucanda kumhlaba waseMowabhi ngaseAra.
19. Xa nilapho ke noba kufuphi kumhlaba wama-Amon, inzala kaLothe. Ze ningawabandezi okanye niwaqale; kaloku andiyi kuninika nento le kumhlaba endawunika wona.’