Uhlaziyo-Mnqophiso 2:11-13 Ibhayibhile (XHO96)

11. Kwanjengama-Anaki nawo kwakusithiwa ngamaRafa, kambe ke wona amaMowabhi ayesithi ngamaEma.

12. Wona amaHori ayekade emi eSeyire, aza agxothwa yinzala kaEsawu, yawaphanzisa kwema yona kuloo mhlaba wawo, kwanjengokuba noSirayeli ezigxothile iintshaba zakhe kumhlaba awuphiwe nguNdikhoyo.

13. “UNdikhoyo wathi: ‘Sukani niwele umfula iZeredi.’ Senjenjalo ke.

Uhlaziyo-Mnqophiso 2