1. “Emva koko sanduluka sangena entlango ngendlela eya kuLwandle oluBomvu, ngokwelizwi *likaNdikhoyo. Apho ke sathatha ithuba elide ukujikeleza ezo ntaba zaseSeyire.
2. “UNdikhoyo ke wathetha nam, wathi:
3. ‘Selilide ithuba nizama ukujikela le ntaba, ngoko ke jikani niye kwelasentla.
4. Ke ngoko uzubayale abantu, uthi: “Ngoku seniza kungena kweleentaba laseSeyire, umhlaba wamawenu inzala kaEsawu. Ke wona aza kunoyika,
5. kambe ke ze nizilumkele ningawaqali, kuba kaloku andiyi kuninika nomhlathana lo kumhlaba wawo. Intaba yeSeyire ndayinika uEsawu nenzala yakhe.
6. Ukutya namanzi wathengeni kubo xa nidlulayo.” ’
7. “Khumbulani kaloku uNdikhoyo uThixo wenu unithamsanqele kuko konke enikwenzileyo. Unilondolozile ngalo lonke uhambo lwenu kwesi sithabazi sentlango. Kula mashumi mane eminyaka uNdikhoyo uThixo wenu ebenani, anaswela nto.
34-35. Ngokunjalo ke sahlasela satshabalalisa kuzo zonke iidolophu, amadoda, abafazi, ndawonye nabantwana, asashiya nempunde le. Iidolophu sazitshabalalisa; ke sathimba kuphela iinkomo namanye amaxhoba.