2-3. lahlule kathathu elo lizwe, kummandla ngamnye ukhethe idolopu efikeleleka lula, uzilungise iindlela eziya kuyo. Úya kuthi ke umntu obulele omnye abe nokuphephela kwenye yazo, afumane ukukhuseleka.
16. Ukuba umntu okhohlakeleyo uzama ukudyobha omnye ngetyala,
17. bobabini mabasiwe phambi *koNdikhoyo endaweni yonqulo, ityala elo liphicothwe ngababingeleli nabagwebi abasesikhundleni.
18. Abagwebi mabenze uphando olunzulu, baze bathi xa befumanisa ukuba ummangali lo umdyoba nje uwabo lo,
19. bohlwaye ummangali lowo ngesohlwayo ebelindele ukuba siya kunikwa ummangalelwa lowo. Ngale ndlela ke wobutshayela ububi buphele phakathi kwenu.
20. Baya kuthi ke abanye abantu bakuyiva le nto yenzekileyo batsho boyike, kungabi sabakho mntu uphinda ayenze into enjalo.
21. Ewe, uzungabi natarhu mpela; isohlwayo sibe bubomi ngobomi, iliso ngeliso, izinyo ngezinyo, isandla ngesandla, nonyawo ngonyawo.”