Uhlaziyo-Mnqophiso 16:19-22 Ibhayibhile (XHO96)

19. Kufuneka angabugqwethi ubulungisa, angabi nagobe xa esenza izigqibo, angazamkeli izicengo, kuba izipho ezihamba nezicengo zimfamekisa namehlo ezilumko, ngokunjalo namadoda anyanisekileyo atsho enze izigqibo ezingafanelekanga.

20. Maxa onke kufuneka kulawule ubulungisa bodwa phakathi kwenu, khon' ukuze niphile nilimé elo lizwe nilinikwa nguNdikhoyo uThixo wenu.”

21. “Xa usenzela *uNdikhoyo uThixo wakho iqonga uze ungemisi mthi umele *isithixokazi uAshera ecaleni kwalo.

22. Uzungamisi nantsika yalitye, kuba úyichasile loo nto uNdikhoyo uThixo wakho.

Uhlaziyo-Mnqophiso 16