Uhlaziyo-Mnqophiso 15:7-15 Ibhayibhile (XHO96)

7. “Kwelo lizwe aninika lona uNdikhoyo uThixo wenu, ukuba kuthe kwakho umwenu dolophini ithile osweleyo, uze ungavimbi usifinyeze isandla sakho, wale ukumnceda.

8. Ndaweni yaloo nto uze ube nezinwe, umboleke umncede kangangoko eswele.

9. Uze ungali ukumboleka into ngenxa yokuba sowukufuphi unyaka wokucinywa kwamatyala. Into enjalo yinkohlakalo; uze ungayivumeli ingene nokungena oku engqondweni yakho. Xa uthe wala ukumnceda, yena uya kubhenela kuNdikhoyo, uze ke wena ube netyala.

10. Yiba nezinwe, umphe ungakrokri; ke yena uNdikhoyo uThixo wakho uya kukuthamsanqela kuyo yonke into oyenzayo.

11. Baya kusoloko bekhona abahlelelekileyo; ngoko ke ndiyaniyala ukuba ze nibe nezinwe ngakumawenu nakwabahlelelekileyo namahlwempu apho kwelo lizwe lenu.”

12. “Xa umwenu umHebhere okanye umHebherekazi ethe wathengiswa kuwe, walikhoboka lakho, aze akusebenzele iminyaka ibe mithandathu, uze umkhulule ngowesixhenxe.

13. Ekumkhululeni kwakho ke, uze ungamndululi ungamnikanga nto.

14. Uze ube nezinwe, umphe kwizinto othamsanqelwe ngazo *nguNdikhoyo uThixo wakho: iigusha, ingqolowa, newayini.

15. Khumbula ukuba nawe wawukhe walikhoboka kwelaseJiputa, waza uNdikhoyo uThixo wakho wakukhulula. Kungoko ndikunika lo myalelo namhlanje.

Uhlaziyo-Mnqophiso 15