Uhlaziyo-Mnqophiso 14:23-29 Ibhayibhile (XHO96)

23. Ngoko ke wosithatha isishumi eso, uye naso kulaa ndawo inyulwe *nguNdikhoyo uThixo wakho ukuze lizinze khona igama lakhe, usityele khona phambi kwakhe – noba yingqolowa, iwayini entsha, amafutha omnquma, okanye amazibulo enkomo noba ngawegusha. Le nto ke noyenza khon' ukuze nifunde ukuhlala nimhlonela uNdikhoyo uThixo wenu.

24. Xa kunokwenzeka ukuba ithi kanti indawo leyo yonqulo ikude gqitha kumakhaya enu, ukuba nibe nako ukuthwala imveliso leyo anithamsanqele ngayo uNdikhoyo uThixo wenu, niye nayo kuyo, ze nenjenje:

25. Yithengiseni imveliso leyo, nize nithathe imali leyo, niye nayo apho kwindawo yonqulo.

26. Ze nifike nithenge ngayo nokuba yintoni na – ingayinkomo, igusha, iwayini, noba yenye into eselwayo, nantoni na eniyinqwenelayo. Nothi ke apho phambi koNdikhoyo uThixo wenu, nihlale kunye neentsapho zenu, nixhamle ezo zidlo nonwabile.

27. “Ningaze nibalahle abaLevi abahlala phakathi kwenu; kaloku bona abanamhlaba.

28. Njalo ekupheleni konyaka wesithathu, thathani isishumi semveliso yenu, nisigcine kwezo ndawo nihlala kuzo.

29. Esi yoba sisabelo sabaLevi njengoko bengenamhlaba bona, ndawonye nabangeneleli, iinkedama, nabahlolokazi abahlala phakathi kwenu. Kofuneka beze bathathe batye banele. Le nto ke yenzeni khon' ukuze uNdikhoyo uThixo wenu anithamsanqele kuyo yonke into eniyenzayo.”

Uhlaziyo-Mnqophiso 14