1. “Nina ningabantwana *bakaNdikhoyo uThixo wenu, ngoko ke ze ningaziqaphuli okanye nibe nendawo eniyichebayo entloko xa nizilela abangasekhoyo, njengoko zisenza ezinye iintlanga.
2. Kaloku nina niyimilowo kaNdikhoyo ncakasana; kuzo zonke izizwe zehlabathi nina waninyula ukuba nibe libango lakhe.”
3. “Yonke into athi *uNdikhoyo lisikizi ze ningayityi.
4. Nazi izinto enivumelekileyo ukuba nizitye: inkomo, igusha, ibhokwe,
5. inxala, ibhadi, imbabala, itshabangqa, inqu, neula,
6. naso nasiphi na isilwanyana esimpuphu zicandiweyo, futhi sisetyisa.
12-18. Kambe ke nazi ezingàtyiwayo: ukhozi, isikhova, ukhetshe, intambanane, untloyiya, ixhalanga, ihlungulu, inciniba, ingabangaba, ukhwalimanzi, udebeza, ingwamza, isihulu-hulu, ubhobhoyi, nelulwane – zonke ezi nezifana nazo.