1. “Nina ningabantwana *bakaNdikhoyo uThixo wenu, ngoko ke ze ningaziqaphuli okanye nibe nendawo eniyichebayo entloko xa nizilela abangasekhoyo, njengoko zisenza ezinye iintlanga.
2. Kaloku nina niyimilowo kaNdikhoyo ncakasana; kuzo zonke izizwe zehlabathi nina waninyula ukuba nibe libango lakhe.”
3. “Yonke into athi *uNdikhoyo lisikizi ze ningayityi.
4. Nazi izinto enivumelekileyo ukuba nizitye: inkomo, igusha, ibhokwe,
5. inxala, ibhadi, imbabala, itshabangqa, inqu, neula,
6. naso nasiphi na isilwanyana esimpuphu zicandiweyo, futhi sisetyisa.
7. Isilwanyana emasityiwe sesineempuphu ezicandiweyo, esetyisayo. Yona inkamela, umvundla, nembila, azityiwa. Zona azihlambulukanga, kuba ziyetyisa, kodwa iimpuphu zazo azicandwanga.
8. Ngokunjalo nehagu ayityiwa, kuba nayo ayihlambulukanga; kaloku iimpuphu zayo zicandiwe, kodwa ayetyisi. Ezi zilwanyana ke ze ningazityi, futhi nezidumbu zazo ningaze nizichukumise.
9. “Zonke iindidi zeentlanzi ezinamaphiko namaxolo ningazitya.
10. Kambe ke yonke into ehlala emanzini ingenawo amaphiko namaxolo sanukuyitya, *inomlaza.
11. “Zonke iintaka ezihlambulukileyo ningazitya.
12-18. Kambe ke nazi ezingàtyiwayo: ukhozi, isikhova, ukhetshe, intambanane, untloyiya, ixhalanga, ihlungulu, inciniba, ingabangaba, ukhwalimanzi, udebeza, ingwamza, isihulu-hulu, ubhobhoyi, nelulwane – zonke ezi nezifana nazo.
19. Zonke izinambuzane ezibhabhayo ezingahlambulukanga mazingatyiwa.
20. Kambe ke ezihlambulukileyo ningazitya.
21. “Isilwanyana esifileyo asityiwa. Kambe ke zona iintlanga eziphakathi kwenu zingasitya, okanye ningasithengisa nakubahambi. Ke nina niyimilowo kaNdikhoyo uThixo wenu – abantu bakhe ncakasana.“Ningaze nipheke itakane ngobisi lukanina.”