Uhlaziyo-Mnqophiso 12:25-29 Ibhayibhile (XHO96)

25. Ukuba niyazikhwebula ekutyeni igazi uNdikhoyo uya kukholiseka nini, futhi ke kulunge kuni, ngokunjalo nakwizizukulwana zenu.

26. Yonke into eninikela ngayo kuThixo, nezipho enibhambathise ngazo, ziseni kuloo ndawo uNdikhoyo ayinyulileyo.

27. Nowanikela eqongeni likaNdikhoyo uThixo wenu amadini enu atshiswayo, inyama negazi. Igazi ze nilithulule apho ngaseqongeni, inyama yona niyitye.

28. Nyamekani niyithobele le miyalelo ndininika yona, ukuze nilungelwe ndawonye nezizukulwana zenu, nanini nanini, kuba kaloku noba nisenza yonke into ngokusesikweni nangendlela emkholisayo uNdikhoyo uThixo wenu.”

29. “Niyabona ke, *uNdikhoyo uThixo wenu uya kuzitshabalalisa ezi zizwe xa ningenayo emhlabeni wazo, ke nina ningene nime kuwo.

Uhlaziyo-Mnqophiso 12