1. “Nantsi imimiselo nemigaqo ekofuneka niyithobele ngalo lonke ixesha lokudla kwenu ubomi kwelo lizwe niliphiwa *nguNdikhoyo uThixo wooyihlo-mkhulu.
2. Ze nizitshabalalise ziphele tu ezo ndawo zinqulela kuzo *oothixo bazo ezaa zizwe zalaa mhlaba niya kuwohlutha; nditsho ezisezintabeni eziphakamileyo, nezisezindulini, neziphantsi kwemithi eyokozelayo.
3. Amaqonga azo ze niwadilize; ke zona iintsika zazo zamatye ze niziqhekeze zibe ziingceba. Imifanekiso yazo eqingqiweyo ka-Ashera isithixokazi sazo ze niyitshise; ngokunjalo neminye imifanekiso yazo eqingqiweyo ze niyinqunqe niyitshabalalise, acinywe amagama azo kwezo ndawo.
4. “Nina ke uNdikhoyo uThixo wenu ze ningamkhonzi ngale ndlela zinqula ngayo ezo zizwe.
5. Kumhlaba wenu uphela uNdikhoyo uya kukhetha indawo ibe nye qha apho liya kuzinza khona igama lakhe, ahlale khona, zize zithi ke zonke izindlu zenu zibuzise kuye khona.