Uhlaziyo-Mnqophiso 11:12-19 Ibhayibhile (XHO96)

12. Kaloku uNdikhoyo uThixo wenu eli lizwe ulikhathalele; ewe, uhlala elalusile unyaka wonke.

13. “Ngoko ke yithobeleni le miyalelo ndininika yona namhlanje, nimthande uNdikhoyo uThixo wenu, nimkhonze ngengqondo yenu yonke nangomoya wenu wonke.

14. Xa nisenjenjalo ke uNdikhoyo uthi: ‘Ndiya kuyinisa imvula ngamaxesha ayo – entlako-hlaza nasekwindla – khon' ukuze nivune ukudla okuziinkozo, iwayini, namafutha omnquma;

15. ize nengca ibe ninzi, zihluthe iinkomo zenu; ngaloo ndlela ke nixhamle intlutha.’

16. “Kambe ke lumkani, hleze niwexuleke, ninqule *thixo bambi.

17. Xa ninokuyenza ke loo nto, uNdikhoyo angakhathazeka gqitha, atsho awavale amazulu, ingani imvula, nomhlaba ungavelisi nto, ke nina nikhawuleze nitshabalale kanye apho kwelo lizwe lihle kunene aninike lona uNdikhoyo.

18. “Ngoko ke la mazwi ndininike wona ze niwalondoloze abe sezingqondweni zenu nasemoyeni wenu. Ze niwaqhinele ezandleni abe ngumqondiso, ngokunjalo nasebunzi, khon' ukuze ahlale esisikhumbuzo.

19. Ze niwafundise abantwana benu, nincokole ngawo xa nihleli ekhaya, ngokunjalo naxa niseluhambeni; nditsho xa nilalayo naxa nivukayo.

Uhlaziyo-Mnqophiso 11