Uhlaziyo-Mnqophiso 1:4-12 Ibhayibhile (XHO96)

4. Ngeli xesha ke kwakusemveni kokoyiswa kokumkani uSihon wama-Amori owayehlala eHeshbhon; ngokunjalo nokumkani uOgi waseBhashan owayekwiidolophu iAshtaroti ne-Edreyi.

5. Apho phesheya kweJordan kumhlaba waseMowabhi uMosis wasuka wayichaza imithetho kaThixo, wenjenje:

6. “Xa sasikwintaba iHorebhe uNdikhoyo uThixo wethu wathetha nathi, wathi: ‘Seninethuba elide nikule ntaba.

7. Ngoko ke ndulukani, nisinge ngakumhlaba weentaba wama-Amori, niye kwizizwe eziwungqongileyo kwintili yeJordan, nommandla weentaba ngokunjalo, namathafa kumazantsi aloo ngingqi, ukuya kuthi xhaxhe kunxweme lolwandle. Ewe, jongani kwelaseKanana, niphumele kwiintaba zeLebhanon, niyokuthi gaa ngomlambo omkhulu iEfrati.

8. Niyabona, lo mhlaba ndiwunika nina. Ngoko ke hambani niwuthathe, nime kuwo. Kaloku ndênza isibhambathiso sokuwunika ookhokho benu, uAbraham, uIsake, noYakobi, ngokunjalo nezizukulwana zabo.’ ”

9. “Kaloku ngelo thuba sasikwintaba iHorebhe ndathetha nani, ndathi: ‘Mna andinakunithwala ndindodwa.

10. Kaloku *uNdikhoyo uThixo wenu unandise nayinyambalala enjengeenkwenkwezi ezisesibhaka-bhakeni.

11. Kambe ke uNdikhoyo uThixo wookhokho benu wanga anganandisa kaliwaka, anithamsanqelise ngokwesithembiso sakhe!

12. Kodwa ke, uxanduva olungaka lokusombulula amaqhina anixakayo ndingaluthwala njani ndedwa? Nditsho imithwalo yenu neembambano zenu.’

Uhlaziyo-Mnqophiso 1