3. Ngomhla wokuqala kwinyanga yeshumi elinanye yonyaka wamashumi amane amaSirayeli aphumayo eJiputa, uMosis wawaxelela zonke izinto awayeziyalelwe *nguNdikhoyo malunga nawo.
4. Ngeli xesha ke kwakusemveni kokoyiswa kokumkani uSihon wama-Amori owayehlala eHeshbhon; ngokunjalo nokumkani uOgi waseBhashan owayekwiidolophu iAshtaroti ne-Edreyi.
5. Apho phesheya kweJordan kumhlaba waseMowabhi uMosis wasuka wayichaza imithetho kaThixo, wenjenje:
6. “Xa sasikwintaba iHorebhe uNdikhoyo uThixo wethu wathetha nathi, wathi: ‘Seninethuba elide nikule ntaba.