Uhlaziyo-Mnqophiso 1:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Le yintetho uMosis awayibhekisayo kumaSirayeli xa ayesentlango phesheya kweJordan kwicala lasempumalanga. Babekwintili yeJordan ngaseSufi, phakathi kweParan nezi dolophu: iTofele, iLabhan, iHazeroti, neDizahabhi.

2. Luhambo lweshumi elinanye lweentsuku ukusuka kwintaba iHorebhe ukuya eKadeshe-bhaneya xa udlula kweleentaba lase-Edom.

3. Ngomhla wokuqala kwinyanga yeshumi elinanye yonyaka wamashumi amane amaSirayeli aphumayo eJiputa, uMosis wawaxelela zonke izinto awayeziyalelwe *nguNdikhoyo malunga nawo.

4. Ngeli xesha ke kwakusemveni kokoyiswa kokumkani uSihon wama-Amori owayehlala eHeshbhon; ngokunjalo nokumkani uOgi waseBhashan owayekwiidolophu iAshtaroti ne-Edreyi.

5. Apho phesheya kweJordan kumhlaba waseMowabhi uMosis wasuka wayichaza imithetho kaThixo, wenjenje:

6. “Xa sasikwintaba iHorebhe uNdikhoyo uThixo wethu wathetha nathi, wathi: ‘Seninethuba elide nikule ntaba.

Uhlaziyo-Mnqophiso 1