Uhezekile 9:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ndaza ndayiva iNkosi isithi: “Biza amagosa ocwangco esixeko, ngalinye kuwo liphathe isixhobo salo.”

2. Ndabona kusithi gqi isithandathu samadoda sivela kwisango eliphezulu elijonge entla, iyileyo iphethe isixhobo esoyikekayo. Ayehamba nomfo onxibe ilinen, egaxele izinto zokubhala. Bangena bema ngakwiqonga lamadini lobhedu.

3. Ubuqaqawuli bukaThixo bafunquka phezu *kwesithunywa esimaphiko apho babukhona, baza beza kuthi zinzi emgubasini wendlu kaThixo. Waza ke uNdikhoyo wamyalela umfo onxibe ilinen enezixhobo zakhe zokubhala,

4. wathi: “Tyhutyha isixeko saseJerusalem, ubaphawule ebunzi abo bawanyanyayo amanyundululu enziwa khona.”

5. Ndithe ndisamamele njalo wathi kwabanye abo: “Mlandeleni, nityhutyhe isixeko, nibulale, ningabi nanceba namfesane,

6. nityakatye nitshabalalise amaxhego, amadodana neentombi, abafazi nabantwana, kodwa maze ningamchukumisi onophawu. Qalani kanye esibingelelweni.” Ngoko nangoko baqala ngamadoda amakhulu ayelapho phambi kwendlu kaThixo.

Uhezekile 9