20. Bebeqhayisa ngezihombo zabo ezimbeje-mbeje,bezisebenzisa ekwenzeni *izithixo zabo ezinezothe *nemifanekiso engamasikizi.Ngako oko ndiya kuziguqulazibe njengento emdaka kubo.
21. Ndiya kuzinika abasemzini,zibe lixhoba labo;ewe, zibe lixhoba lezikhohlakali zomhlaba,zona ziya kuzixabhela.
22. Ndoval' amehlo,bayigqwalisele indawo yam endiyixabise kunene;abaphangi bongena bayixabhele.
23. “Lungisani amatyathanga,kuba ilizwe lithe mome ligazi,isixeko songanyelwe lugonyamelo.