16. Bonke abasindileyo basababaya kubalekela ezintabeni,bekhala njengamahobe asezintlanjeni,bekhala ngenxa yezono zabo.
17. Ziya kuwa zonke izandla,amadolo abe nengevane.
18. Baya kunxiba amarhonya,bagubhe kukoyika.Baya kuba manyonywana,bazixhwithe iinwele zabo.
19. Baya kuyilahla ezitalatweni isiliva yabo,igolide ifane nento emdaka.Abayi kusindiswa yigolide nesiliva yabongomhla wengqumbo kaNdikhoyo.Abayi kuyidla xa belambile;kaloku yiyo ebakhubekisileyo.