1. Wathi kum *uNdikhoyo: “Ngoko ke, mntundini, thatha ikrele elibukhali, ususe ngalo iinwele zakho neendevu zakho ngokungathi liyimela yokugugula. Uze uthathe isikali, wenze imilinganiso ngemilinganiso yeenwele ezo.
2. Kuya kuthi zakuphela iintsuku zorhangqo usitshise ngomlilo isithathu seenwele phakathi esixekweni; esinye isithathu ujikeleze naso ngaphandle kwesixeko, uhambe usinqunqa ngekrele; esokugqibela usilahle simke nomoya. Kaloku ndiya kuwaleqa ndiqhiwulé ikrele lam.
3. Uze ushiye iinwele ezimbalwa, uzifihle emgobeni wengubo yakho.
4. Uze uthathe zibe mbalwa kwezi, uziphose emlilweni zitshe. Umlilo uya kuqala apho, unwenwele kuyo yonke indlu kaSirayeli.”
5. Ithi iNkosi uNdikhoyo: “Le yiJerusalem endiyibeke phakathi kweentlanga, yaza yarhangqwa ngamazwe.