Uhezekile 48:12-16 Ibhayibhile (XHO96)

12. Uya kuba yinxaxheba yabo eyodwa ethathwe kumhlaba owodwa nongcwele owayamene nomhlaba wabaLevi.

13. “AbaLevi baya kuba nomhlaba owayame lowo wababingeleli. Umlinganiselo wawo uya kuba ziikhilomitha ezilishumi elinambini elinesiqingatha ubude neekhilomitha ezintlanu ububanzi.

14. Ze bangawuthengisi okanye batshintshise ngawo. Ngumhlaba okhethekileyo lo; ngako oko uze ungabi ngowabanye abantu, kuba ungumhlaba owodwa kaNdikhoyo.

15. “Umhlaba oseleyo obubanzi buziikhilomitha ezimbini ezinesiqingatha nobude obuziikhilomitha ezilishumi elinambini elinesiqingatha uya kuba ngowesixeko, ube yindawo yokwakha izindlu nedlelo. Isixeko siya kuba sesazulwini sawo.

16. Ubukhulu baso ke buya kuba ziikhilomitha ezimbini ezinekota emantla, bube kwangako emazantsi, ngasempumalanga nangasentshonalanga.

Uhezekile 48