8. Ithe kum: “La manzi aqukuqela esiya kummandla wasempumalanga, ehle aye kwintili yeJordan, apho angena khona kuLwandle oluFileyo. Athi akungena elwandle amanzi alapho aphele ubutyuba.
9. Apho lo mlambo uqukuqela khona kubakho inkitha yezilo ezihlala khona. Ziya kuba ninzi kakhulu iintlanzi, kuba apho la manzi angena khona amanzi amtyuba ayajika abe nokuselwa; ngako oko apho ucanda khona zonke izinto ziya kuphila.
10. Abalobi baya kuba selunxwemeni. Ukusuka e-Engedi kuye e-Eneglayim kuya kubakho iindawo zokwaneka iminatha. Kuya kubakho iindidi ngeendidi zeentlanzi zibe ninzi okweentlanzi zoLwandle oluKhulu.
11. Kodwa yona imigxobhozo iya kuhlala imtyuba; kuzuzwa ityuwa kuyo.
12. Macala omabini omlambo kokhula imithi yeentlobo ngeentlobo zeziqhamo. Amagqabi ayo akayi kutshaza; yosoloko inika iziqhamo. Iya kunika iziqhamo zonke iinyanga kuba ifumana amanzi aphuma endlwini kaThixo. Iziqhamo zayo ziya kuba kukutya, wona amagqabi abe liyeza.”
13. Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: “Nantsi imida yokwahlula umhlaba oza kuba lilifa lezizwe ezilishumi elinambini zakwaSirayeli, uJosefu yena efumana izahlulo ezibini.
14. Uya kuzahlulela ngokulinganayo, kuba ndathembisa ngesifungo ukuba lo mhlaba ndiya kuwunika ookhokho benu ukuze ube lilifa lenu.
15. “Nantsi ke imida yelizwe:Umda wasemantla uya kuqala kuLwandle oluKhulu, ugudle indlela yaseHetelon, uqabele inkalo, uthi xhaxhe ngeZedada,
16. uye eHamati naseBherota, naseSibrayim (emi kumda weDamasko neHamati) uye eHazere-hatikoni ekumda weHawuran.