Inkosi iya kungena ngevaranda yesango, ize ime malunga nomgubasi. Ababingeleli baya kuyilungiselela idini elitshiswayo nomnikelo wobudlelwane. Iya kukhahlela isemgubasini wesango, ize yandule iphume, kodwa isango aliyi kuvalwa kude kube ngokuhlwa.