1. Le ndoda yandisa kwisango elijonge empumalanga,
2. ndaza ndabubona ubuqaqawuli bukaThixo kaSirayeli buvela ngasempumalanga. Ilizwi lakhe langa ngumgqumo womsinga wamanzi, waza umhlaba wakhanya bubuqaqawuli bakhe.
3. Umbono endawubonayo nqwa nalowo ndawubonayo mhlenikwezeni wayeze kutshabalalisa isixeko, kwanaloo mibono ndayibonayo phezu komlambo iKebhare, ndaza ke mna ndalala tywaa ndifihla ubuso.
4. Ubuqaqawuli *bukaNdikhoyo bangena endlwini kaThixo ngesango elijonge empumalanga.
5. UMoya wandifunqula wandibeka kwintendelezo ephakathi, yaza indlu kaThixo yazala bubuqaqawuli bukaNdikhoyo.
6. Isemi ngakum indoda leyo, ndeva kukho umntu esendlwini kaThixo ebhekisa kum,