22. Kwakukho iqonga lomthi elimpakamo uyimitha enesiqingatha nelimacala alinganayo ayimitha enye ngalinye. Iimbombo zalo, nesiseko, kwakunye namacala, konke kwakungumthi. Yathi kum le ndoda: “Le yitafile emi phambi *kukaNdikhoyo.”
23. Umnyango wegumbi elingaphandle lesibingelelo nolweNgcwele kaNgcwele wawuneengcango ezimbini.
24. Umnyango ngamnye wawahlulwe kubini, ucango ngalunye luqhotyoshelwe kwicala lalo.
25. Kwakukrolwe izithunywa ezimaphiko namasundu ezingcangweni zegumbi elingaphandle lesibingelelo, njengoko kwakunjalo ezindongeni; kwakukho isixwexwe seplanga phezu kwevaranda ngaphambili.
26. Kwakukho iifestile kwiindonga ezingamacala evaranda, kwaza kwahonjiswa ngemifanekiso yesundu macala kuzo. Amagumbi ayamane nendlu kaThixo nawo ayenezixwexwe zamaplanga.