Uhezekile 40:40-49 Ibhayibhile (XHO96)

40. Malunga nodonga olungaphandle lwevaranda yesango kufuphi namanqwanqwa aya ekungeneni kwesango elingentla kwakumi iitafile ezimbini, zaza zambini kwakhona ngaphaya kwawo.

41. Ngoko ke zazine iitafile kwicala ngalinye lesango – iitafile ezisibhozo zizonke – apho ayexhelelwa khona amadini.

42. Kwakukho iitafile ezine zelitye elilungisiweyo zokusebenzela amadini atshiswayo, itafile nganye iziisentimitha ezingamashumi asixhenxe anantlanu ubude, ikwanjalo nobubanzi, neesentimitha ezingamashumi amahlanu umphakamo. Amadini atshiswayo namanye amadini ayehlinzwa phezu kwazo ngempahla yokuhlinza

43. eyayibekwa ethaleni eliseludongeni, thala elo elalibubanzi bungangesandla. Iitafile zazenzelwe ukubeka inyama yamadini.

44. Ngaphandle kwesango elingaphakathi kwakukho amagumbi amabini, elinye limi ecaleni lesango elingentla lijonge ezantsi, elinye ecaleni lesango elingezantsi lijonge entla.

45. Le ndoda yathi kum: “Igumbi elijonge ngezantsi lelababingeleli abasebenza indlu kaThixo,

46. elijonge ngentla lelababingeleli abasebenza iqonga. Abo ngoonyana bakaZadoki, ekukuphela kwabaLevi abanokusondela *kuNdikhoyo babingelele phambi kwakhe.”

47. Yenza umlinganiso wentendelezo, yafumana amacala elingana: amashumi amahlanu eemitha ubude namashumi amahlanu eemitha ububanzi. Lona iqonga lamadini laliphambi kwendlu kaThixo.

48. Le ndoda yandisa kwivaranda yendlu kaThixo, yaza yalinganisa amacala evaranda leyo; ububanzi macala babuziimitha ezimbini ezinesiqingatha. Ekungeneni ububanzi babuziimitha ezisixhenxe, ububanzi beendonga eziphongomileyo macala buyimitha enesiqingatha.

49. Ivaranda yayiziimitha ezilishumi ububanzi, yaza yaba ziimitha ezintandathu ukusuka ekungeneni kuye entla. Bekunyukwa ngamanqwanqwa ukuya kuyo, kumi iintsika malunga namacala ayo.

Uhezekile 40