Uhezekile 40:27-40 Ibhayibhile (XHO96)

27. Nayo intendelezo engaphakathi yayinesango elijonge emazantsi. Yenza umlinganiso womgama ukusuka kwisango elingaphakathi kuye kwelingaphandle, waba ngamashumi amahlanu eemitha.

28. Le ndoda yandingenisa kwintendelezo engaphakathi ngesango langezantsi, yaza yenza umlinganiso wesango elo. Lalilingana namanye.

29. Amagumbi aseludongeni neendonga eziphongomileyo nevaranda yalo zazilingana nezamanye amasango. Isango nevaranda yalo zazineembobo zijikelezile macala onke. Ubude balo babuziimitha ezingamashumi amabini anantlanu, ububanzi buziimitha ezilishumi elinambini nesiqingatha.

30. (Iivaranda zamasango angena kwintendelezo engaphakathi ayeziimitha ezilishumi elinambini nesiqingatha ububanzi, neemitha ezimbini ezinesiqingatha semitha ukungena.)

31. Ivaranda yayijonge kwintendelezo yokuqala. Amacala ayo ayehonjiswe ngamasundu. Amanqwanqwa okuya kuyo ayesibhozo.

32. Yaza yandisa empumalanga yentendelezo yangaphakathi, yenza umlinganiso wesango; wawulingana nowamanye.

33. Amagumbi aseludongeni neendonga eziphongomileyo nevaranda yayo zazimlinganiso mnye nowamanye. Isango nevaranda zazineembobo zijikelezile macala onke. Ubude balo babuziimitha ezingamashumi amabini anantlanu, ububanzi buziimitha ezilishumi elinambini nesiqingatha.

34. Ivaranda yalo yayijonge kwintendelezo yokuqala, amacala ayo ehonjiswe ngamasundu, esibhozo amanqwanqwa okungena kuyo.

35. Yandisa kwisango elingentla, yaza yenza umlinganiso walo. Ifumene lilingana namanye,

36. ngokunjalo namagunjana aseludongeni neendonga eziphongomileyo kwanevaranda eyayineembobo yonke. Ubude balo babuziimitha ezingamashumi amabini anantlanu, ububanzi buziimitha ezilishumi elinambini nesiqingatha.

37. Ivaranda yalo yayijonge kwintendelezo engaphandle. Amacala ayo omabini ayehonjiswe ngesundu, amanqwanqwa aya kuyo esibhozo.

38. Malunga nevaranda yesango ngalinye kwaphakathi kwakukho igumbi elinomnyango apho ayehlanjwa khona amadini atshiswayo.

39. Kwivaranda yesango kwakumi iitafile ezimbini macala omabini ekwakuxhelelwa kuzo amadini atshiswayo, nawesono, nawetyala.

40. Malunga nodonga olungaphandle lwevaranda yesango kufuphi namanqwanqwa aya ekungeneni kwesango elingentla kwakumi iitafile ezimbini, zaza zambini kwakhona ngaphaya kwawo.

Uhezekile 40