Uhezekile 4:4-12 Ibhayibhile (XHO96)

4. “Ngoku ke ngqengqa ngecala lasekhohlo, ube ngokwenjenjalo usithabathele kuwe isono sendlu kaSirayeli. Esi sono ke siya kuba sesakho zonke iintsuku ulele ngecala.

5. Ndikusikele iintsuku ezinani lilingana nenani leminyaka yokreqo lwendlu kaSirayeli. Ngoko ke uya kusithwala isono sayo iintsuku ezingamakhulu amathathu namashumi alithoba.

6. “Wakuba ukufezile oku, uze uphinde ungqengqe, kodwa ngoku ngecala lasekunene, ube ngokwenjenjalo usithabathela kuwe isono sendlu kaJuda. Ndikusikele iintsuku ezingamashumi amane; usuku ngalunye lumele unyaka.

7. Jika ujonge kwiJerusalem engqingiweyo, ukhomba-khomba oku komshumayeli.

8. Mna ndiya kukubophelela ngeentsontelo, ukuze ungabi nako ukuguquka de ziphele iintsuku zokungqinga kwakho.

9. “Thatha ingqolowa nerhasi, iimbotyi neelentile, imíleti nespeliti, uzigcine engqayini ukuze wenze ukutya ngazo. Uya kutya oku kutya ngeentsuku ezingamakhulu amathathu namashumi alithoba ulele ngecala.

10. Uze wenze umlinganiselo onganeno nje kwekota yekhilogram yokutya omawukutye ngosuku ngamaxesha amiselweyo.

11. Kwakhona uya kwenza umlinganiselo ongaphezulwana kwesiqingatha selitha yamanzi oya kuwasela ngamaxesha amiselweyo.

12. Oku kutya kugcade ngomlilo wamalongwe omntu, abantu bejongile, ukutye ngokungathi utya iqebengwana lerhasi.”

Uhezekile 4