15. Uya kuphuma endaweni yakho kwelikude emantla, uhambe nentlaninge yezizwe, zonke zikhwele amahashe, ibandla elikhulu, umkhosi onamandla.
16. Uya kuhlasela abantu bam amaSirayeli okwelifu ligqume umhlaba. Kwimihla ezayo, Gogi, ndiya kukwenza uhlasele ilizwe lam, ukuze zazi izizwe ukuba ndingcwele xa ndizibonakalisa kuwe zijongile.
17. “Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Akunguye na lowo ndakha ndathetha ngaye ngezicaka zam *abashumayeli bakwaSirayeli? Ngelo xesha bashumayela ngeminyaka ezayo besithi ndiya kukwenza ubahlasele.
18. Ngaloo mhla kuya kwenzeka oku: Xa uGogi ehlasela ilizwe lamaSirayeli ndiya kuvukwa ngumsindo oshushu, itsho iNkosi uNdikhoyo.
19. Ngenxa yekhwele nomsindo wam ndathi: Ngenene kuya kubakho inyikima enkulu elizweni lakwaSirayeli.