Uhezekile 37:18-28 Ibhayibhile (XHO96)

18. “Xa amawenu ekubuza esithi: ‘Akusichazeli na into ethethwa sesi senzo?’

19. yithi kubo: ‘Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ndiza kuthatha intonga kaJosefu neyamaSirayeli avana naye esesandleni sikaEfrayim, ndiyidibanise nekaJuda, ndizenze zibe yintonga enye. Ziya kuba yintonga enye ke esandleni sam.’

20. Babonise iintonga obhale kuzo,

21. uze uthi kubo: ‘Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ndiya kuwaphuthuma amaSirayeli kwizizwe abalekele kuzo. Ndiya kuwaqokelela kuzo zonke iindawo, ndiwabuyisele ezweni lawo.

22. Abantu bakwaSirayeli ndiya kubenza isizwe esinye elizweni, phezu kweentaba zikaSirayeli. Baya kulawulwa ngukumkani omnye, bengasokuze babuye babe zizizwe ezibini, okanye bahlulwa-hlulwe babe ziikumkani ezimbini.

23. Abayi kuphinda bazingcolise *ngezithixo zabo ezingamasikizi okanye nangezinye izikreqo zabo, kuba ndiya kubahlangula bangabi sabuyela esonweni, ndibahlambulule. Baya kuba ngabantu bam, nam ndibe nguThixo wabo.

24. “ ‘Isicaka sam uDavide siya kuba yikumkani yabo; xa bebonke baya kuba nomalusi omnye. Baya kuhamba ngokwemithetho yam, bayinyamekele imimiselo yam bayenze.

25. Baya kuhlala elizweni endalabela isicaka sam uYakobi, ilizwe ababemi kulo ooyihlo. Baya kuhlala apho bona, nabantwana babo, nabantwana babantwana babo naphakade. UDavide isicaka sam uya kuba yinkosi yabo naphakade.

26. Ndiya kwenza umnqophiso woxolo nabo; uya kuba ngumnqophiso wanaphakade. Ndiya kubazinzisa, ndibenze bande, ize isibingelelo sam sihlale phakathi kwabo naphakade.

27. Ikhaya lam liya kuba phakathi kwabo; ndiya kuba nguThixo wabo, bona babe ngabantu bam.

28. Ziya kwazi ke izizwe ukuba mna Ndikhoyo ndim omchongileyo uSirayeli, xa isibingelelo sam siphakathi kwabo ngonaphakade.’ ”

Uhezekile 37