Uhezekile 36:25-34 Ibhayibhile (XHO96)

25. Ndiya kunitshiza ngamanzi acocekileyo ukuze nicoceke; ndiya kukukhupha ukungcola kuni, ndinenze nahlukane nezithixo.

26. Ndiya kuninika intliziyo entsha, ndiniphe nomoya omtsha; ndiya kuyikhupha kuni intliziyo eqaqadeke okwelitye, ndininike intliziyo yentobeko.

27. Ndiya kufaka uMoya wam kuni, nitsho nilulamele imimiselo yam, niyigcine ngononelelo imithetho yam.

28. Niya kuhlala elizweni endandilabele ookhokho benu; niya kuba ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wenu.

29. Ndiya kunihlangula ekungcoleni kwenu, ndigunyazise isivuno esikhulu sengqolowa, nize nahlukane nendlala.

30. Ndiya kuyenza iqhame imithi, sichume nesivuno emasimini, ukuze ningabuye nihlazeke ezintlangeni ngenxa yendlala.

31. Niya kuzikhumbula ke iindlela zenu ezigwenxa, nezenzo zenu ezikhohlakeleyo, nize nizisole ngezono nangezenzo zenu ezilizothe.

32. Qondani ukuba oku andikwenzi ngenxa yenu, itsho iNkosi uNdikhoyo. Yibani neentloni, nizive nihlazekile ngenxa yesimo senu, ndlu kaSirayeli.

33. “Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Mhla ndanihlambulula ezonweni zenu ndiya kubabuyisela abantu ezixekweni, avuswe amabhodlo.

34. Umhlaba oyinkangala uya kulinywa, uze ungalali ube yinkangala kubantu abacanda kuwo.

Uhezekile 36